Skip to content Skip to left sidebar Skip to footer

Ngomhla we-5 kaNovemba ka-2024 Ingxelo yamajelo eendaba : Iipilisi ezifunyenwe kwiipakethi tshiphusi – impendulo kaMasipala weSithili seGarden Route

Ingxelo yamajelo eendaba : Iipilisi ezifunyenwe kwiipakethi tshiphusi – impendulo kaMasipala weSithili seGarden Route

Ukukhutshwa Kwangoko

Ngomhla we-5 kaNovemba ka-2024

UMasipala weSithili saseGarden Route (i-GRDM), iNkonzo yamaPolisa oMzantsi Afrika (SAPS), amagosa omthetho kamasipala wasekhaya, kunye nabanye abachaphazelekayo banalo ulwazi ngeziziganeko ezenzeka kwindawo yaseGroot-Brak naseFriemersheim apho kuye kwafunyanwe izinto zangaphandle/iipilisi kwiipakethi zeetshiphusi. Sithetha nje uphando luyaqhuba ukuqinisekisa   ubunyani ngokuphathelele nesisiganeko. i-GRDM izinikezele kwaye inoxanduva lokuqinisekisa ukuba ukutya okuthengiselwa uluntu kukhuselekile ukuba kungatyiwa.

A pill found in one of many packets of chips and reported to SAPS (Source: Supplied, verified by Environmental Health Practitioners)

Amapolisa azise uMasipala Wesithili malunga neepilisi ezingaqhelekanga ezifunyenwe kwiipakethi zeetshiphusi, ezixelwe kwiSikhululo samaPolisa saseGreat-Brak.

Ugqogqo logunyaziso luqhutywa qho ngeveki, olunye lucwangcwiselwe ungomso. Ngelixesha lonyaka, abathengisi bokutya abahlukeneyo bayatyelelwa. Amagosa okanye amaqela abandakanyekayo kulo msebenzi aquka amapolisa, unyanzeliso lomthetho kamasipala wengingqi, kunye neSebe leMicimbi yezeKhaya.

Ulwazi oluthe vetshe ngesi siganeko luya kukhutshwa kwixesha elizayo.

Ukunika ingxelo ngazo naziphi na izehlo zokurhanelwa kokutya komgunyathi okanye okonakalayo, uluntu luyabongozwa ukuba luqhagamshelane namapolisa akufutshane nabo okanye lufikelele ngokuthe ngqo kwiiNkonzo yeMpilo eSingqongileyo zikaMasipala weSithili saseGarden Route.

Johan Compion – Senior Manager: Municipal Health, Solid Waste Management & Air Quality Control

Desmond Paulse – Manager: Municipal Health Klein Karoo

Rinay Cloete – Acting Chief: Municipal Health Mossel Bay

  • E-mail: rinay@gardenroute.gov.za
  • Tel: 044 693 0006 /Cell: 083 630 6108
  • C/O Sampson & Marling Street, Ext 23, Mossel Bay

Emmy Douglas – Chief: Municipal Health George (Outeniqua)

Jessica Erasmus – Acting Chief: Municipal Health George (Wilderness)

James McCarthy – Chief: Municipal Health Knysna (Lakes)

Gawie Vos – Chief: Municipal Health Bitou (Lakes)

Haemish Herwels – Chief: Municipal Health Hessequa (Langeberg)

ENDS