Skip to content Skip to left sidebar Skip to right sidebar Skip to footer

Frequently Asked Questions (Xhosa)

English | Xhosa | Afrikaans

uMasipala weSithili iGarden Route (GRDM) kunye noRhulumente weNtshona Koloni (WCG) wesebe lokuHlaliswa koluntu(DHS) emelwe ngokwahlukeneyo nguSodolophu weSigqeba, uAlderman Memory Booysen kunye noMphathiswa wephondo uTertuis Simmers, basandula ukugqiba iMemorandam yokuQondana (MOU) ukuphucula intsebenziswano enxulumene kwiiinkqubo zezindlu phakathi kwamanqanaba karhulumente. Eli lilungiselelo elikwinqanaba eliphezulu phakathi kwesebe le –WCG noMasipala wesithili, elijolise ekomelezeni iinzame zokufezekisa ungenelelo lwezindlu ezithile zoluhlu oluxubileyo kunye neenketho.

Olu ngenelelo kusafuneka ukuba lubhengezwe, ludinga amanyathelo amanyathelo kunye nophuhliso ngaphambi kokuba IGRDM ikwazi ukumilisela nokwenza ukuba lubhengezwe,ludinga amanyathelo amanyathelo kunye nophuhliso ngaphambi kokuba iGRDM ikwazi  ukumilisela nokwenza ukuba kufumaneke iindlela ezahlukeneyo zokufumana amakhaya anemivuzo ephantsi ngaphakathi kwemida ye Garden Route.

Kubalulekile ke ngoko ukuba uqaphele ukuba ezi projekthi azikafezekiswa kodwa ezinye izibhengezo ezisesikweni malunga nenkqubela-phambili enxulumene nook kunye neendawo ezithile apho ezo projekthi zibonwe zinokwenzeka ukuba zinokuphunyezwa, ziyakwenziwa kuluntu ekuhambeni kwexesha. Oku kuvumela i-GRDM kunye noomasipala abangamalungu ukuba babonelele abaxhamli abafunekayo xa iprojekthi zikwimeko yokulungela ukunikwa uluntu.

Isishwankathelo, ke ngoko , iGRDM isekwinkqubo yokuphuhlisa inkqubo eya kubandakanya iiprojeekthi, eziza kudityaniswa neendawo ezithile. Ukwaziswa ngokusesikweni kuyakwenziwa kuluntu kunye/ okanye kumakhaya anomdla kunekudala.

Frequently Asked Questions (click on the crosses to view answers)

Iyintoni intsingiselo okanye injongo ye MOU?

Uxwebhu elikumgangatho ophezulu phakathi koMasipala wesithili kunye neziko laseNtshona Koloni lwesebe lezokuhlala kwabantu ukubonisa ngokubanzi ngenjongo zokubambisana kwimiba ethile ngenkqubo zezindlu ezifikelelekayo.

Ziyakubanjwa nini ezinkqubo?

Ezinkqubo zyakulandelwa ngokwesiseko ukusebenza ngokubonakalayo kamva ukuphunyezwa, zizakunikezwa ngemiqathango yexwebhu lwezicelo zabo baxhamlayo okanye ababonisa umdla ngokwemfaneleko yecandelo lwemfuno zeprojekthi.

Ndingasifaka njani isicelo njengelungu loluntu?

Ikhratheriya ezifunekayo zizakunxunyaniswa nalombutho lowo aze aziswe yimigaqo siseko yezezindlu eyakuthi ipapashwe nguMasipala Wesithili ngexesha elilindelekileyo. Kodwa ungasifaka isicelo ngalomzuzu kuMasipala wasekuhlaleni okanye kwi E-phu yorhulumente wephondo lwe Ntshona-Koloni ukwenza isicelo esitsha okanye ukuhlaziya inkcukacha zabo ezikhoyo bangakwenza kuzozombini  i-Ephu ka IOS ne Android.

Ingaba ezinkqubo zizakuba kwisithili, ukuba kunjalo, phi?

Njengokuba kusaziwa igunya lokulawula likaMasipala wesithili liqulunqa Oomasipala abasixhenxe iBitou, Knysna,George,Mossel Bay, Oudtshoorn, Hessequa neKannaland, Kuxhomekeke kwinkqubo ezo zaloprojekthi zizakube zibekwe kwindawo ezo zizikhethileyo kwaye zikulungele kwaye zavunywa ngabo bathe bakhethwa ngamaqembu athile nekontraka leyo.

Ndibalilungu njani kwicala lokuphicothwa ukuzilungiselela ingomso laleprojekthi?

Le yinkqubo entsha ethe yaziswa liSebe lokuHlaliswa koLuntu eNtshona Koloni (WCDoHS) kwaye iqhutywa ngokubambisana neeprojekti eziqinisekisiweyo ezizimeleyo ezixhaswe ngemali ezifana neZithuba zeZindlu kunye neFLISP (iiProjekthi zeNkxaso-mali yaBantu abaDityanisiweyo yezeziMali). Ezi zezona projekthi ziphambili ezikhuthaza ubunini bomntu ngamnye kumakhaya anengeniso ephantsi ukuya kwinqanaba eliphakathi ngokwesiqhelo asokolayo ukuhlangabezana neenqkubo ezisemgangathweni zebhanki ukuze afumane imali-mboleko yezindlu okanye ibhondi yokuthenga iyunithi kwezi nkqubo. Oko ke kunxibelelene nongenelelo lwemfundo yabaThengi lulonke olukhuthazwe yi-WCDoHS noomasipala abathatha inxaxheba. Ukuba ngabaxhamli abanokubakho abadweliswe kuvimba weenkcukacha osesikweni ke onxulunyaniswe neeprojekthi zobunini obucetyiweyo okanye obuzibophelelayo banamatyala kwaye bafuna ukubuyiselwa kwisimo sangaphambili, baya kuthi ke banikwe ithuba lokunxibelelana nenkonzo esele imiselwe yi-WCDoHS ukuze banikezele ngenkonzo enjalo. Le yinkonzo yeMfundo yaBathengi edla ngokunikezelwa ligunya lePhondo kunye noomasipala abadibeneyo. Oomasipala abathatha inxaxheba kwimimandla yolawulo lweGRDM kufuneka kuqala babe neprojekthi echaziweyo yobunini beprojekti enxulunyaniswe noovimba beenkcukacha abanokuthi baxhamle okuya kuba yinto ephambili ekuqinisekiseni abo bafuna inkxaso ukuphucula ukufaneleka kwabo kumatyala kunye nokukwazi ukufumana isiqinisekiso sikarhulumente ngemali yebhanki enxulumene noko. ukuthenga iyunithi ekujoliswe kuyo ngeenjongo zobunini.

Ingaba inkqubo yezindlu ezintsha izakufezekiswa nini okanye izakumiselwa nini?

Emveni nje kwamalungiselelo afanalekileyo enkqubo kunye nolungelelwaniso luqukunjelwe inkqubo yokwenza ibonakala, kuzakupapashwa ngokusesikweni kaye ibhengezwe libhunga ukuze imiselwe.

Ingaba ukufikelela ngokwamaxabiso kuzakuba yinxalenye yenkqubo yezezindlu okanye imisebezi?

Uqwalaselo olungundoqo kubo bonke ooMasipala kunye ne GRDM nabaphantsi koMasipala Wesithili, zizakuba kumakhaya arhola kancinci nakwaziyo ukuhlawula njengenye yenjongo ezingundoqo.

Kuthetha ukuthini ukurenta ngokusebenzisa imveliso zesicwangciso sezindlu zoluntu?

Bhunga linenjongo zokumisela izivumelwano sobambiswano namaziko asemthethweni onukezelo ngezindlu nazakujongana nemisebenzi eyamaniswa enjongo kunye nabo basemthethweni wokukwazi ukuqesha. Lamaziko ezezindlu ngoko azakuvelisa kwaye abeselulawulweni lwezokuqesha kwabo bafikelelayo kwinjongo zokuqesha nokuzakubandakanya ukujongana nekqubo yezicelo zabo baselengulweni kunye nokufunwa yimicimbi yabathengi kwabo baye banenyweba yokunikwa ilungelo lokuba ngabaqeshi abasemthethweni.

Ingabe kungcono ukuba ukhethe ukubangumnini okanye uqeshe indlu efikelelekayo?

Leyo yinto eyakuba sezandleni zalowo ufaka isicelo ukuba azikhethele nanjengoko injongo ikukunika ithuba lokuzikhethela kuba ikhaya ngalinye linenjongo nemfuno zayamaniswa namakhaya afikelelekayo.

Ingabe sizakuhlala kude kufuphi nendawo ezinobuxhakaxhaka obungcono oknaye kude kufuphi nendawo zophuhliso loqoqosho kunye nendawo yokuhlala engcono?

Ewe kunjalo nanjengoko imigaqo efanelekileyo karhulumente kunye nenkqubo zophuhliso ikhuthaza imfuno yendibaniselwano yexesha elide yasekuhlaleni kwindawo ezimiselwe kakuhle nezinobuxhakaxhaka obufanelekileyo nengonzo ezayamaniswa nazo.